24/7 Emergency: 072 604 5324
Court house

Andre Kirsten - Igqwetha elimele abantu abatyholwa ngezenzo zobundlobengela e Kapa

I André Kirsten Attorneys liziko lamagqwetha elingochwepheshe kumatyala olwaphulo mthetho. I ofisi zakhona zise Bellville, kwisixeko sase Kapa entshona koloni.

Ndisebenza kwikapa lonke liphela nakuzozonke iingingqi ezikulenqila. Ndiyafumaneka emnxebeni kwiyure ezingama shumi amabine anesine ngosuku, kunyaka wonke kwaye ndikulungele ukunceda kwiingxaki onokuthi udibane nazo ezidinga uncedo ngokwasemthethweni.

"Ndiyafumaneka emnxebeni kwiyure ezingamashumi amabini anesine"

Ukubanjwa okanye utyholwe ngolwaphulomthetho kubangela ukucikideka okungafunekiyo nokukhathazeka komutu ngokwase mphefumlweni. Amatyala okanye ezityholo ezinjalo zingangumqobo kwaye ngezinye iindlela bungonakala ubomi bomtyholwa. Zingabangela uphantsi-phezulo kubomi bosapho kulowo u tyholiweyo kwaye nomsebenzi wakhe unqasemngciphekweni. Xa ke ujongene nee-ngxaki ezilolohlobo neziphumo ezibi onokuthi ujungane nazo, udinga igqwetha elinamava, ukwezethemba nelinobuchwepheshe elizakukhokhela ekukumeleni kwelixesha. Udinga igqwetha elinamendu nelingazubuya ngamva ukulwela amalungelo akho nelizothi likumele ngako konke elinako. Isihoyo ngokukodwa nokukukhokhela yenye yezinto endithanda ukuzibeka etafileni, ukwenza uzive ukhululekile ungoxhasiweyo kwiimeko eziloluhlobo.

"Isihoyo ngokukodwa nokukukhokhela yenye yezinto endithanda ukuzibeka etafileni ukwenzela uzive ukhululekile ungoxhasiweyo kwiimeko eziloluhlobo"

Ndingummeli kumatyala olwaphulo mthetho osezingeni eliphezulu eneminyaka elishumi eline thoba lamava kwezotshutshiso na kwicala lokumela abatyholwa ngolwaphulomethetho. Ndingacaphula kuloomava ekukuncedeni, yancinci okanye yankulu ingxaki yakho.

"Iminyaka elishumi elinethoba lamava kwezothsutshiso nakwicala lokumela abatyholwa ngolwaphulo mthetho"

Njengo mmeli onamava kumatyala olwaphulo mthetho ndulwenzile uphando ngezo tshutshiso ndaphanda nangeendlela zobummeli. Kuyoyonke leminyaka ndibandakanyeke kumatyala aliqela anobuzaza asele esasazwe kumaphepha ndaba, koo-mabona kude na koonomathotholo amava endinawo kumatyala olwaphulo mthetho ndibammele abantu kwizityholo zokuqhuba bephantsi kwempembelezo zotywala ukushishina ngeziyobisi, ukuhlasela ubusela, ukufunyanwa nompu ongekhosemthethweni, ukufunyanwa ne abalone, amatyala okubulala, amatyala okukhuthuza ngezixhobo, udlwengulo ubuqhetseba, amatyala okophula umthetho nemimiselo yeebank, nezinye izityholo.

"Amava endinawo kumatyala onke olwaphulo mthetho"

Ndiyabammela abantu bam usukela uyokubakhupha ngengqawule kwisikhululo sama polisa ndibakhuphe ngengqawule enkundleni xa umbuso usikhaba isicelo sokuba mawukhutshwe. Ndiyaphanda ngotyholwe ngako ndikummele naxa ityala selixoxwa. Ndikwaluncedo nokubuyiselweni kwezinto zakho ebezithathwe ngamapolisa. Ndiyazenzwa nezibheno, umzekelo ukucelela isibheno ungaphandle ukuthintela izigwebo ezinganqwekelekileyo ndikwazenza nezibheno kwinkundla ephakamileyo ukuthintela izohlwayo ezinganqwenelekileyo.

Advice Legal mahala!

Ingaba unayo Umbuzo otshisayo zolwaphulo zomthetho kwaye zi odinga uncedo?

Buza umbuzo Apha kufumana iingcebiso ngokukhawuleza, yobungcali ethembekileyo, eziya kukunceda kunikhokelela kwicala lasekunene online apha.

This webpage in Afrikaans ?
This webpage in English ?